Izinto omele uzazi:
Usinika iintlobo ezahlukeneyo zenkcazelo kuxhomekeka inkalo yeNkonzo oyisebenzisayo.
- Iakhawunti YeFirefox: Xa usayinela iakhawunti, sifumana idilesi yemeyile nesishunqulelo sephasiwedi yakho. Ukongezelela, unokongezelela ifoto yeprofayile. Ukuba ukhetha iGravatar, siza kuwabelana ngedilesi yakho yemeyile kwiGravatar ukuze sifumaneka umfanekiso weprofayile yakho.
- ISync: Ukuba usebenzisa iSync, sifumana inkcazelo eyahlukeneyo ukuze zihambisane iithebhu zakho, ibha entle, iphasiwedi, isiphawuli sephepha, ukhetho lokubrawuza kunye nenye inkcazelo kwisixhobo
- Fumana Isixhobo Sam: Ukuba uvulelele Fumana Isixhobo Sam, sifumana indawo efanelekileyo yesixhobo sakho kuphela xa usayina kwiAkhawunti YeFirefox kunye nesicelo sokuba sisifune isixhobo esiqhagamshelweyo. Ngoxa usayinile, unokubona indawo esigqityelwe kuyo isixhobo sakho kwimephu. Sisoloko sizicima ezi ndawo kwaye asiqokeleli nkcazelo ingaphezulu kwaye de wena uyicele kuthi.
Ukuba usebenzisa iicookie, cima iGIF kwaye obunye ubuchwepheshe bokugcina iimveliso zethu kunye neenkonzo.
-
Izixhobo Zenkcazelo Kwintanethi: Sisebenzisa "izixhobo zenkcazelo kwintanethi" ezifana neecookie, ukususa iiGIF kunye neebhikhoni zewebhu ukunikezela ngokusebenziseka kweemveliso neenkonzo zethu. Umzekelo, iicookie zisinceda ngokusayina komsebenzi ukumqinisekisa. Sikwazsebenzisa nezixhobo ezifana kwingqokelela yenkcazelo ukuphucula iimveliso neenkonzo zethu. Umzekelo, ukusebenzisa iicookie kulungiselela ukuhlalutywa kwewebhu.
-
Ukhetho: Unokufunda malunga necookie nokuzilawula iicookie kwiFirefox ngokucinezela apha. Phawula ukuba ezinye iinkalo zeemveliso zethu neenkonzo zinokungasebenzi kakuhle ngaphandle koncedo lweecookie.